Sinje ngenxa yabazali
Siyahlangana kodwa asithandani Impumelelo yomnye sisijwili komnye Sibambene ngentliziyo Lonto yinto engehliyo Kunzima nokujongana,kugcwele ukuzenzisa Ngemva sithandana sisakhana, kuba siphuma kumphantsi omnye, Lonto indenza ndikhonye kuba asingobant'ubanye Lonto yaqala sisakhasa Sinqand'abazali besikhetha Sithi bazali nizozivuna ezi Pitbull nizityalayo. Impatho yabo yayohluka kuya ngokuthi ungomph'uphetheni Side sithi abasithandi. Ababengasentliziyweni babebaveza Beze bephethe intwezimnandi silenga kodwa siphuma kubantu abanye. Zehl'inhembezi sicenge kwaliwe Yakhula inzondo Sabambana ngentliziyo Sangamanzi ne oyile Senziwa ngohlob'olunye sangadibani Ngenxa yempatho yabazali YAZI NOZE NIPHENDULE !!SOLOKO SIXHWITHANA !!
Poetry Books 50% Off
Bestselling collections from top poets
