Intlungu Zobomi
Yintlungu zobomi ezi Zimbal'amanxeba angabonwayo . Zibethelela intliziyo ngetalente. Zikhiya inyembezi ngaphakathi. Wena unyamezelayo , uyakwazi ukubuyela emva ? Ilanga liyaphuma liphume nemithwalo. Ibhokhwe isikutya isenge , Kuthi ngoba amathambo azubula ngesithokothoko. Akunani , kutyiwe kuseziko. Izithandwa zethu zihamba ngabanye . Intlungu zolwalamano , Uthando lophela njengomphunga. ubusuku bubuqhula , ubuthongo bubuthathaka. Ndilala ndivuke neentlungu , Ingaba intlungu zizophela nini ? Kodwa ke , akuhlanga lungehlanga . Ikamva liqhakazile emva kwamafu , Zomeleza umphefumlo , Kuba intlungu zobomi.... zizifundo zokukwenza womelele. uhlomla_imbongi_yosiba ✍️
Ad
Poetry Books 50% Off
Bestselling collections from top poets
Shop Now →
