Incindi Yosiba
Ndicengceleza umhobe ngelibhodla izafobe Ngale ncindi Yolusiba ndidiba iingxondorha Kunene Ngenjongo zobungcwalisa obusingela phantsi ubumene-mene Ndiheshela kude ukuthelekiswa kwezizalwane Ngeenjongo zokuvuna intlutha ngoburhele-rhele Ndinyalasa okwebhekile ephuphuma luncuthu lobulumko nobunene Iinkonde nee Nkondekazi ezibe zisingise iliso Ziyingqokelelwano Yale bhekile yakwantu ukusingisela kwingqokelela similo salo mnombo Mdako ntsundu ongeva nasepha Wena untsizana ekunonopheleni impahla emfutshane kulo mathafa ndithe matsha-matsha Ngoba zisuke nendlela zangumqwebu kodwa wande ngengcebiso ndákujonga Suke nesithethe sangumthombo wecebo lokuphila Ngalentsinda badala Yolusiba ndibhexeshela ndisingisele kwinkcubeko Okwembeleko igidimela kwinkcuba buchopho yesiko Ndifudula ndinqula isihlwele ska Gcina ngoko mlando Ngale Ncindi Yolusiba ndingcotshela kwi ncami yobulumko Ngentlabathi yoluthuthu ndingumbumbi wobomi obunenjongo Ndiguqa ndiphahla kwithongo lika Ntaba elithiyisela impumelelo Ndibhodla lomhobe ndiphosa amazwi anokweyisa Khona ukuze ubomi kulowo usilelayo angabinakuncama Nditshicela irhamba ngomkhonto wokunqulela ukuphila Khona ukuze ubude balendlela ndiyihambayo bungandehliseli ukungcungcuthe
Poetry Books 50% Off
Bestselling collections from top poets
